IINDUMISO 1
Ilungisa nomoni 1 Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw’ abagwenxa, ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo, umnt’ ongadlelaniyo nabaphoxisayo. 2 Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo, ayetyise emini nasebusuku. 3 Unjengomth’ otyalwe ngasemijelweni yamanzi, umth’…