IINDUMISO 91
UThixo umkhuseli wethu 1 Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke, uhlala esemthunzini kaSomandla. 2 Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam; uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” 3 Kuba nguye okuhlangula emgibeni…
UThixo umkhuseli wethu 1 Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke, uhlala esemthunzini kaSomandla. 2 Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam; uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” 3 Kuba nguye okuhlangula emgibeni…
Ingoma yombulelo Umbongo *waNgomhla woPhumlo. 1 Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo; yinto entle ukubonga igama loPhezukonke. 2 Kulungil’ ukubalisa ngezibele zakhe kusasa, nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa, 3 kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula, nehapu…
UThixo ukumkani 1 *UNdikhoyo ungukumkani; uthe wambu isihomo nesithozela namandla. Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi. 2 Isihlalo sakho, Ndikhoyo, sasekwa kwantlandlolo; wena wawukho kwanini-nini. 3 Iyagquma imilambo, Ndikhoyo, ivakalisa isandi…
UThixo umgwebi woluntu 1 *Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi, wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise. 2 Lamla, wena mgwebi woluntu; babuyekeze kwangezitya zabo abantw’ abazingcayo! 3 Koda kube nini na, Ndikhoyo, koda kube nini…
Ingoma yokubonga 1 Yizani sombelele *uNdikhoyo, simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu! 2 Masiye kuye sinombulelo, simombelele iingoma zokubonga. 3 Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla, ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke. 4 Lisesandleni sakhe…
IKumkani yeekumkani 1 Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo! Mombelel’ uNdikhoyo, hlabathi lonke! 2 Mombelelen’ uNdikhoyo, nibonge igama lakhe; zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso. 3 Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga; zixeleleni…
UThixo ulawula konke 1 Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula; malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani! 2 Ugqubuthele ngentshinyela yelifu, nesithokothoko sobumnyama simsithile; ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa. 3 Kulephuz’ umlilo ngaphambi kwakhe,…
UThixo ingqonyela yehlabathi Umhobe. 1 Mombelelen’ ingoma entsha *uNdikhoyo, kuba unenzele izinto ezintle. Kaloku woyisile ngamandla akhe nangegunya lakhe. 2 UNdikhoyo ulutyhilile usindiso lwakhe, wabuveza ezintlangeni ubulungisa bakhe. 3 Wasigcina…
UThixo yingangalala 1 *UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula; mazimnike imbeko izizwe! Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko; malingcangcazele ihlabathi! 2 UNdikhoyo yingangalala eZiyon; ngumlawuli wazo zonk’ iintlanga. 3 Malidunyiswe ngumntu wonk’ igama lakhe…
Ingoma yokubonga Umhobe wokubulela. 1 Mombeleleni *uNdikhoyo, nonke hlabathi! 2 Mnquleni uNdikhoyo nivuya, nize kuye nisombela iingom’ ezimyoli! 3 Yazin’ ukuba uNdikhoyo nguThixo; nguye owasidalayo, yaye singabakhe, singabantu bakhe, singumhlambi…