IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu Iculo labahambi. 1 Amehlo am ndiwajongis’ enkalweni; yaz’ba lovela ngaphi na uncedo lwam? 2 Umncedi wam *nguNdikhoyo, yena ungumenzi wamazulu nehlabathi. 3 Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;…

IINDUMISO 122

Izibongo zeJerusalem Iculo likaDavide; lelabahambi. 1 Hay’ imincili endaba nayo basakuthi kum: “Masihambe siye endlwini *kaNdikhoyo.” 2 Naku ke ngoku iinyawo zethu zime bhuxe ngaphakathi kwamasango akho, Jerusalem. 3 Ke…

IINDUMISO 123

Ukutarhuzisa Iculo labahambi. 1 *Ndikhoyo, ndikhangela kuwe, wena ohlala emazulwini. 2 Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo, nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana. Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,…

IINDUMISO 124

UThixo uyayisindisa imilowo yakhe Iculo likaDavide; lelabahambi. 1 USirayeli makatsho athi: “Ukuba *uNdikhoyo ebengekho ngakuthi, 2 ewe, ukuba besingaxhaswa nguNdikhoyo ekuhlaselweni kwethu lutshaba, 3 ngelusiginye sihleli ngokuya lwaluvutha ngumsindo. 4…

IINDUMISO 125

Ukhuseleko lwemilowo yakwaThixo Iculo labahambi. 1 Abo bakholosa *ngoNdikhoyo banjengentaba iZiyon, yona ingasoze yashukunyiswa koko izinzile ngonaphakade. 2 Kwanjengokuba iintaba ziyingqongile iJerusalem noNdikhoyo wenjenjalo ukubaphahla abantu bakhe, nangoku kude kube…

IINDUMISO 126

Ukucel’ ibuyambo Iculo labahambi. 1 Ekusibuyiseleni *kukaNdikhoyo eZiyon, ngokuya sasiphuma ekuthinjweni, kwasuka kwaba ngathi liphupha. 2 Safumana sagigitheka yintsini, kwayintswahla yemincili novuyo. Zade zatsho nezizwe zathi: “Ngenene uNdikhoyo ubenzele izinto…

IINDUMISO 127

Ukuncoma izibele zikaNdikhoyo Iculo likaSolmon; lelabahambi. 1 Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu, bafumana bebulaleka abayakhayo. Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko, ancam’ ubuthongo ngelize amajoni alindayo. 2 Ngamampunge ukuzabalaza uzam’ ukuzixhasa, uvuka ngentseni,…

IINDUMISO 128

Inyhweba yabathobela uNdikhoyo Iculo labahambi. 1 Hay’ inyhweba yomntu omthobelayo *uNdikhoyo, ohamba ngokwemimiselo yakhe. 2 Onjalo uyazibona iziqhamo zemisebenzi yakhe; uhlala ngokonwaba enenkqubela. 3 Inkosikazi yakhe ifana nomdiliya oyokozelayo, omi…

IINDUMISO 129

Ukucela ukuhlangulwa Iculo labahambi. 1 USirayeli makabalise athi: “Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku. 2 Ewe, zanditshutshisa kwandiselula, kodwa zange zindongamele. 3 Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa. 4 Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa; undikhulule…

IINDUMISO 130

Ukukhululwa esonweni Iculo labahambi. 1 *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe; ndikhala kuwe ndibindekile. 2 Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza, usiphulaphule isikhungo sam. 3 Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo, ngubani obengasindayo? 4 Kambe ke…