IINDUMISO 131

Isikhungo sentobeko Iculo likaDavide; lelabahambi. 1 Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi; ngokunjalo mna andiziphakamisi. Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna. 2 Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile. Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina;…

IINDUMISO 132

Umhobe wendlu kaThixo Iculo labahambi. 1 Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavide ngawo onke amasuka-ndihlale akhe, 2 nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo, eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi. 3 Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,…

IINDUMISO 133

Ukuhlala kwezalamane ngemvano Iculo likaDavide; lelabahambi. 1 Khawukhangele ukubukeka nomkhitha wokuhlala kwezalamane ngemvano! 2 Kunjengesiqholo esigalelwe entloko, esihla ngeendevu zika-Aron, side sithi xhaxhe ngomphetho wengubo yakhe. 3 Kufana nombethe entabeni…

IINDUMISO 134

Umhobe wangokuhlwa Iculo labahambi. 1 Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo, nonke nina zicaka zakhe, nina nonke nima bume ebusuku, nisebenza endlwini kaNdikhoyo. 2 Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu, nimbonge nimncome uNdikhoyo. 3…

IINDUMISO 135

Elokudumisa 1 Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo; ewe, lidumisen’ igama likaNdikhoyo! Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo; 2 nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo, nasenkundleni yomzi woThixo wethu. 3 Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel’…

IINDUMISO 136

Elokubulela 1 Bulelani nidomboze ngenxa yokulunga *kukaNdikhoyo. Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli. 2 Bulelani kuThixo onguyedwa. Kaloku ububele bakhe buhlala buhleli. 3 Bambani ngazibini kwiNkosi yamakhosi. Kaloku ububele bakhe buhlala…

IINDUMISO 137

Isililo samaSirayeli ekuthinjweni 1 Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon. 2 Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho. 3 Kaloku abo babesithimbile suka bathi: “Khanisonwabise ngengoma; khanihlabele enye kwezaseZiyon.” 4 Besingathini…

IINDUMISO 138

Umhobe wokubulela Umhobe kaDavide. 1 Awu, ndibamba ngazibini, *Ndikhoyo. Ewe, ndinongazenzisiyo umbulelo; ndikuncoma ndikubonge naphi na. 2 Ndikhala ndijongise ngasendlwini yakho engcwele, ndibonga ndincoma igama lakho, ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho,…

IINDUMISO 139

Ulwazi nenkathalo kaThixo ifezekile Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. 1 Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi. 2 Wena undazi ukusuka nokuhlala; iingcamango zam uziqonda zingekaveli. 3 Mna andinako ukukunqabela nganto – nditsho ndihamba okanye…

IINDUMISO 140

Ukucela ukhuselo Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. 1 *Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa; ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini, 2 kwabasoloko beyila amayelenqe, behamba bephemba uchuku, 3 abalwimi zilenca njengezeenyoka, abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba. 4 Ndikhoyo, ndaluse…