IINDUMISO 11

Ukuthembela ngoThixo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Ndithembele *ngoNdikhoyo nje, ningathini ukuthi: “Balekela ezintabeni zenu njengentaka! 2 Kaloku abantw’ abagwenxa sebejolisile ngesaphetha esinotolo, bajolisel’ ukulidubul’ emnyameni ilungisa. 3 Xa sekudilike neziseko…

IINDUMISO 12

Ukucela uncedo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngebhasi. 1 Nceda, *Ndikhoyo! Akukho namnye umnt’ olungileyo; baphelile abantw’ abathembekileyo. 2 Bathetha ubuxok’ abantu, bekhohlisana. Bav’ amantyontyelo baxokisane ngeentethw’ ezimbaxa. 3 Wobaqhawul’ imilebe…

IINDUMISO 13

Ukucela uncedo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela? Koda kube nini na ndingakuboni? 2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa, ndinesingqala, ibuhlung’ imini yonke intliziyo yam?…

IINDUMISO 14

Abakhohlakeleyo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo. Zonakele, futhi zenza amasikizi; akukho ulungisayo kuzo. 2 Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu; uhlel’ ezulwini efuna ukuqonda ukuba ngaba sikho…

IINDUMISO 15

Undwendwe lukaNdikhoyo Umhobe kaDavide. 1 *Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho; ingubani oya kutyelela kwakho? 2 Ngulowo uhambo ingenabala, owenza ubulungisa, ayithethe inyaniso engafihlisi. 3 Ngulowo unganyelisiyo, ungamenziyo into embi…

IINDUMISO 16

Umthandazo wethemba Ucamngco lukaDavide. 1 Ndikhusele kaloku, Thixo; ndithembele ngawe. 2 Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam; ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani. 3 Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo; nditsho…

IINDUMISO 17

Umthandazo womntu ongenankohliso Umthandazo kaDavide. 1 Kuphulaphule ukunyaniseka kwam, *Ndikhoyo; kubazel’ iindlebe ukutarhuzisa kwam. Yiva, nas’ isicelo sam. Kaloku mna andinankohliso. 2 Malicace kuwe ibango lam; amehlo akho makakhangele ngokungenaxanasi….

IINDUMISO 18

Ingoma kaDavide yoloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi: 1 Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am. 2 NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba…

IINDUMISO 19

Indalo nomyalelo kaThixo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo, nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. 2 Imini ixelela imin’ elandelayo, nobusuku bubikela ubusuk’ obulandelayo. 3 Akukho ntetho namazwi nasandi…

IINDUMISO 20

Umthandazo woloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Wanga *uNdikhoyo angakuphulaphula ngemini yeembandezelo! Wanga angakukhusela uThixo kaYakobi! 2 Wanga angakuthumela uncedo luvel’ ebhotwe lakhe, akuxhase esentabeni yeZiyon. 3 Wanga angayamkela iminikelo yakho…