IINDUMISO 21

Umbongo woloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Uyavuya ukumkani ngenxa yamandla akho, *Ndikhoyo, uyachulumacha kuba umnike uloyiso. 2 Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe; usivile isicelo sakhe. 3 Umhlangabeze ngeentsikelelo ezingathethekiyo, wamthi jize…

IINDUMISO 22

Isililo nengoma yokubonga Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Uvunywa ngokwengoma ethi: “Inxala lomsobomvu.” 1 Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na? Kudala ndizigixa, ndicel’ uncedo, kodwa andikalufumani unangoku! 2 Thixo wam, emini ndikhalela…

IINDUMISO 23

NguNdikhoyo umalusi wam Umhobe kaDavide. 1 *InguNdikhoyo nje ondalusayo, ndingaswela ntoni na? 2 Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza, andikhokelele kwimilambo empompozayo, 3 nditsho ndihlaziyeke emphefumlweni. Undithundezela kwezona ndlela zilungileyo, ukuze lidunyiswe…

IINDUMISO 24

INgangalala yoKumkani Umhobe kaDavide. 1 *LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk’ okukulo; ndixel’ ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. 2 Walisekela phezu kweelwandle; walithi zinzi phezu kwayo imilambo. 3 Ngubani onganyukayo aye…

IINDUMISO 25

Ukuthandazela ukukhuselwa Umhobe kaDavide. 1 Ndiwuphakamisela kuwe, *Ndikhoyo, umphefumlo wam; 2 Thixo wam, ndithembele kuwe. Mandingakhe ndidane konke; mazingakhe zindivuyelele konk’ iintshaba zam. 3 Ewe, mabangadani bonk’ abathembele kuwe; mayibe…

IINDUMISO 26

Umthandazo welungisa Umhobe kaDavide. 1 Ndigwebele, *Ndikhoyo; kaloku azisoleki iindlela zam, nethemba lam kuwe aligungqi. 2 Ndivavanye, undicikide, Ndikhoyo; yigocagoce intliziyo yam ngokunjalo neengcinga zam. 3 Ndisoloko ndikhokelwa zizibele zothando…

IINDUMISO 27

Umthandazo wokubonga Umhobe kaDavide. 1 *InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo, inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni? InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani? 2 Xa bendidlavula abantw’ abakhohlakeleyo, iintshaba zam nabandileqayo, kokhubeka kwabona, bawe….

IINDUMISO 28

Ukucela uncedo Umhobe kaDavide. 1 Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam; musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel’ emhadini xa uthe cwaka. 2 Live ilizwi lam xa ndizibika, xa izandla zam ndiziphakamisela…

IINDUMISO 29

Ilizwi likaNdikhoyo linamandla Umhobe kaDavide. 1 Mbongen’ *uNdikhoyo, nina bemi baphezulu; mnikeni isihomo nesithozela namandla. 2 Lenzelen’ imbeko igama lakhe, ninqule ningcangcazela phambi kwakhe. 3 Sivakal’ emanzini elwandl’ isandi selizwi…

IINDUMISO 30

Umthandazo wokubulela Umhobe kaDavide; iculo lokuvulwa kwendlu *kaNdikhoyo. 1 Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile, akwavuma ukuba zindivuyelel’ iintshaba zam. 2 Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe; kuba wena undihlangule ekufeni. 3 Wandikhupha…