IINDUMISO 81
Ingoma yetheko Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati. 1 Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo; memelelani nidumise uThixo kaYakobi. 2 Hlabelani nitsho ngohadi; dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala. 3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa…