IZAFOBE 1

Ukubaluleka kwezafobe 1 Ezi zizafobe zikaSolomonunyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. 2 Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na. 3 Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,…

IZAFOBE 2

Umvuzo wobulumko 1 Mfo wam, wathathele ingqalelo amazwi am, ungaze uyishiye imiyalelo yam. 2 Ewe, bubazele iindlebe ubulumko, nentliziyo yakho uyilahlele ekwazini. 3 Kubizele kuwe ukuqiqa, uliphakamisele ilizwi lakho ekuqondeni….

IZAFOBE 3

Icebiso kulutsha 1 Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam, koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho. 2 Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi, ikwandisele iminyaka noxolo. 3 Ungaze wahlukane nentembeko…

IZAFOBE 4

Iziqhamo zobulumko 1 Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo; yigqaleni, khon’ ukuze nizuze ukuqonda. 2 Ndininika eyona mfundiso iyiyo, ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam. 3 Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata, ndiselula, ndinguyedwa kamama,…

IZAFOBE 5

Izilumkiso 1 Mfo wam, buve ubulumko bam, ukubazele iindlebe ukuqonda kwam, 2 ukuze ube nako ukuzilungelelanisa izinto, futhi ukwazi ukuthetha ngengqiqo. 3 Kaloku imilebe yomfazi ongakwaziyo ukuziphatha ivuza ubusi; kwaye…

IZAFOBE 6

Ezinye izilumkiso 1 Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu, wabambana nomnye ngesandla, 2 waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho, wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho, 3 nantsi ke…

IZAFOBE 7

Isiyalo ngomkrexezikazi 1 Mfo wam, wagcine amazwi am, uyimilisele kuwe imiyalelo yam. 2 Ukuba uyayilandela imimiselo yam uya kubudla ubomi. Ewe, imfundiso yam yilondoloze njengokhozo lweliso lakho. 3 Imiyalelo yam…

IZAFOBE 8

Kubongwa ubulumko 1 Yivani, nâbo ubulumko bumemeza! Nayo ingqiqo nantso izazisa. 2 Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba; ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela. 3 Nabo bungxang’ emasangweni edolophu; ewe, buyamemelela…

IZAFOBE 9

Isimemo sobulumko 1 Ubulumko buyakhile indlu yabo, bayenzela iintsika ezisixhenxe. 2 Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini; kwaye netafile sebuyidekile. 3 Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini, zazise apho edolophini, zithi: 4 “Yizani…

IZAFOBE 10

Izafobe zikaSolomon 1 Nazi izafobe zikaSolomon: Unyana osisilumko ulibhongo likayise, ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina. 2 Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi, kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni. 3 *UNdikhoyo soze…