UAMOS 1

Intshayelelo 1 La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziyawayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowamunyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima. 2 Wathetha wenjenje uAmos: “*UNdikhoyo…

UAMOS 2

AmaMowabhi 1 Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nokuba amaMowabhiayone izihlandlo zazithathu ngendingasirhoxisanga isohlwayo sam. Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine. Kaloku wona awatshisa aluthuthu amathambo kakumkani wase-Edom. 2 Ngoko ke ndiza…

UAMOS 3

Isohlwayo sâbo bayimilowo kaNdikhoyo 1 Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli, kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa: 2 “Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi; yiyo ke…

UAMOS 4

Abafazi baseSamariya 1 Liphulaphuleni eli lizwi, bafazindini basezintabeni zaseSamariya, zintondini ezityebe okweemazi zeenkomo zaseBhashan, nina nicinezela iindwayi, niwaxhaphaze amahlwempu, ezi zinto zithi kumadoda azo: “Thungani sisele!” 2 Ifunge ubungcwele bayo…

UAMOS 5

Iwile intombi enguSirayeli 1 Liveni ilizwi lam, ndlu kaSirayeli; nditsho esi sililo ndisenzayo ngenxa yenu: 2 “Iwile bhaxa, ayiyi kube ivuke intombi enguSirayeli! Ithe qungqululu yodwa kumhlaba wakowayo, kungekho bani…

UAMOS 6

Ukutshatyalaliswa kwamaSirayeli 1 Mawoo! Lusizi okwenu, nina bantundini bathe zava eZiyon, nina nizicingelayo ukuba nikhuselekile kwintaba yaseSamariya – nditsho nina, zindwalutho zesizwe, nina kuziwa kuni ngabantu bakwaSirayeli. 2 Khanenjenjeya niye…

UAMOS 7

Umbono weenkumbi 1 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani. 2 Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza,…

UAMOS 8

Ingobozi ezele ziziqhamo 1 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo. 2 Yathi: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi mna: “Ndibona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo.” Uthe kum uNdikhoyo: “Sesifikile…

UAMOS 9

Isigwebo sikaNdikhoyo 1 Ndayibona iNkosi imi ngaseqongeni lamadini, yaza yathi: “Betha ezo ntsika phezulu kude kushukume umgubasi. Zaphule, ziwele phezu kwabo bantu balapho. Bonke abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele. Akukho…