UISAYA 41

Iqhaji lasempumalanga 1 “Yithini cwaka niphulaphule, ziqith’ ezikude; lungelani ukuxoxa, nina zizwe. Sondelani nizithethelele; yizani ke sihlangane, sinik’ isigwebo. 2 “Ngubani lo uqhway’ iqhaji empumalanga, lo ulinik’ indwe konke nje…

UISAYA 42

Isicaka sikaNdikhoyo 1 *UNdikhoyo uThixo uthethe wathi: “Nasi isicaka sam endisixhasayo. Yena ngumnyulwa wam ondikholisayo; ndimthe jize ngoMoya wam, izizwe zonk’ uziphakel’ ubulungisa. 2 Yena akakhwazi amemeze; hayi, akadanduluki ezitalatweni….

UISAYA 43

UThixo uthembisa ukukhulula abantu bakhe 1 Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi: “Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele; ndikubize ngegama, ungowam ncakasana. 2 Noba sewucand’ emanzini, mna ndiya…

UISAYA 44

UNdikhoyo kuphela koThixo 1 “Phulaphula, Yakobi sicaka sam, wena Sirayeli endimnyulileyo, 2 uthi *uNdikhoyo, umenzi wakho owakubumba esizalweni, yena owahlala ekunceda: Ungabi naxhala, Yakobi sicaka sam; ungumnyulwa wam endimthandayo. 3…

UISAYA 45

Ukumiselwa kukaKoreshi 1 Wenjenje *uNdikhoyo ukuthetha nomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasi amthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele, khon’ ukuze avuthulule ookumkani, avulelwe zonke iingcango, angathintelwa ngamasango esixeko: 2 “Ndim…

UISAYA 46

Izithixo zeBhabheli 1 “Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa! *Oothixo ebenikade nijikeleza nabo namhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana. Ngenene baluxanduva lomthwalo. 2 Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka. Akukho kusinda kuzo; zithinjwa kunye…

UISAYA 47

Ukuwa kweBhabheli 1 *UNdikhoyo uthi: “Yihla esihlalweni, ntombindini Bhabheli; ewe, yiza nawe ukhe ugqush’ eluthulini. Wena wakhe wayinzwakazi yentombi; oko kuguda nokuthamba ngoku kumkile. 2 Thath’ ilitye, usil’ ingqolowa; ewe…

UISAYA 48

Ikamva lilawulwa nguThixo 1 *UNdikhoyo uthi: “Khanibek’ iindlebe, ndlu kaYakobi; nditsho nina babizwa ngoSirayeli, nina bomnombo kaJuda, nina bafunga igama likaNdikhoyo, nina bathi banqula uThixo kaSirayeli, kodwa ngenene nisitsho nje…

UISAYA 49

Ukhanyiso lwezizwe 1 I-i-i-nzwi! Bekan’ iindlebe, zizw’ ezikude! Yivani ke, nina nto zihlal’ ekudeni! *UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga; ewe, wandikhankanya ndingekazalwa. 2 Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele; ewe, yena wandifumbatha…

UISAYA 50

Ukuthinjwa kungenxa yezono 1 *UNdikhoyo uthethe wathi: “Ùthi abantu bam ndabagxotha okomfo esahlukana nomfazi wakhe? Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano? Ngaba ndanithengisa kubani njengomfo othengisa ngekhoboka lakhe? Hayi kaloku, nathengiswa…