UISAYA 51
Intuthuzelo eJerusalem 1 *UNdikhoyo uthi: “Phulaphulani, nina banxanel’ ubulungisa, nina babongozana noNdikhoyo. Khangelani kwiliwa enathwetyulwa kulo, kuloo mqhokro navunjululwa kuwo. 2 Khanicinge ngoAbraham inyange, nangoSara yena ungumawokhulu. Ndambiza eyedwa kuphela,…