UJEREMIYA 1
Isingeniso 1 Nalu udaba lukaJeremiya, unyana kaHilekiya, owayengomnye wababingeleli baseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. 2 Lamfikela ilizwi *likaNdikhoyo uJeremiya kunyaka weshumi elinantathu uJosiyaunyana ka-Amon engukumkani kwelakwaJuda, 3 nangexesha likaJoyakimunyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda,…