UJEREMIYA 31

AmaSirayeli aza kugoduka 1 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli, zona zibe ngabantu bam.” 2 Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi: “Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela…

UJEREMIYA 32

UJeremiya uthenga umhlaba 1 Kunyaka weshumi ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda,owawungunyaka weshumi elinesibhozo kulawula ukumkani uNebhukadenezare eBhabheli, lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo. 2 Ngelo xesha umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuyingqingile iJerusalem, yena uJeremiya…

UJEREMIYA 33

Ukukhululwa ekuthinjweni 1 UJeremiya esavalelwe eyadini yabalindi labuya lavakala okwesibini kuye ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2 “UNdikhoyo owenza ihlabathi walibumba walizinzisa, ogama linguNdikhoyo, utsho ukuthi: 3 ‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto…

UJEREMIYA 34

Udaba oluya kuZedekiya 1 Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalemkunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi:…

UJEREMIYA 35

UJeremiya namaRekabhi 1 Ngexesha ukumkani uJoyakimunyana kaYosiya wayengukumkani kwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, 2 lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.” 3 Ndaya kubiza…

UJEREMIYA 36

UBharuki ufundela abantu incwadi kaJeremiya 1 Ngonyaka wesine uJoyakimunyana kaYosiya engukumkani wakwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya 2 lisithi: “Thatha incwadi esongwayo, ubhale onke amazwi endawathethayo kuwe ngokubhekiselele kuSirayeli noJuda kunye…

UJEREMIYA 37

Ukubanjwa kukaJeremiya 1 UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniyaunyana kaJoyakim 2 owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli…

UJEREMIYA 38

UJeremiya uphoswa emhadini 1 UJeremiya waviwa nguShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, bekunye noPashure kaMalkiya, xa wayebhekisa kubantu jikelele esithi: 2 “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Umntu oya kusala…

UJEREMIYA 39

1 Ngenyanga yeshumi kunyaka wethoba ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nomkhosi wakhe uphela, waya kungqinga isixeko saseJerusalem. 2 Kwathi ngomhla wethoba ngenyanga yesine kunyaka weshumi linanye uZedekiya engukumkani…

UJEREMIYA 40

Ukukhululwa kukaJeremiya 1 Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli. 2 Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo…