UMATEWU 1

Umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu 1 Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. 2 UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo; 3 uJuda wazala uPerezi noZera,…

UMATEWU 2

Iingcali zeenkwenkwezi ezavela empumalanga 1 Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, 2 zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone…

UMATEWU 3

UYohane umbhaptizi 1 Ke kaloku ngaloo mihla kwafika uYohane umbhaptizi eshumayela entlango yelakwaJuda, 2 esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!” 3 Ngulo ke wayexela yena *umshumayeli uIsaya xa wayesithi: “Kuvakala…

UMATEWU 4

Ukuhendwa kukaYesu 1 Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi. 2 Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo. 3 Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana…

UMATEWU 5

Intshumayelo yasentabeni: Abanoyolo 1 Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; 2 waza wabafundisa, esithi: 3 “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!…

UMATEWU 6

Malunga namalizo 1 “Lumkani, okulungileyo enikwenzayo ningakwenzi phambi kwabantu ngenjongo yokuba banibone. Nákwenjenjalo aninamvuzo kuYihlo osezulwini. 2 Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo…

UMATEWU 7

Musani ukugweba 1 “Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo – 2 kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo….

UMATEWU 8

Ukuphiliswa koneqhenqa 1 Akuhla entabeni apho uYesu, walandelwa ngabantu abaninzi. 2 Kwabonakala kusiza umntu oneqhenqa, owaqubuda phambi kwakhe, wathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.” 3 Wasolula isandla uYesu,…

UMATEWU 9

Ukuphiliswa kofe umzimba 1 UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo. 2 Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba:…

UMATEWU 10

Abafundi abalishumi elinambini 1 UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo. 2 Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa…