URUTE 1
UNawomi uyagoduka 1 Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini. 2 Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon…