UYOBI 21
UYobi: Ngani ukuba abakhohlakeleyo babe nenkqubela? 1 UYobi ke waphendula wenjenje: 2 “Khanibek’ iindlebe nindiphulaphule; leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum. 3 Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe; emva koko ke ningaqhubela…
UYobi: Ngani ukuba abakhohlakeleyo babe nenkqubela? 1 UYobi ke waphendula wenjenje: 2 “Khanibek’ iindlebe nindiphulaphule; leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum. 3 Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe; emva koko ke ningaqhubela…
UElifazi: Ubugwenxa bakho abunasiphelo 1 Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje: 2 “Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo? Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko? 3 Uthi ngaba uSomandla unolutho…
UYobi: Oko uThixo afuna ukukwenza uyakwenza 1 UYobi uphendule wenjenje: 2 “Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo, kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje! 3 Akwaba bendimazi apho akhoyo, ndiyazi nendlela eya…
UYobi: UThixo akazisi enkundleni izikhohlakali 1 “Ngani ukuba uSomandla angalimisi ixesha lokugweba? Kutheni ukuba nâbo bamaziyo bangayiboni loo mini? 2 Abantu bayawushenxisa umlima-ndlela. Ewe, beba iigusha bazifuye emadlelweni. 3 Bayayohlutha…
UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo 1 Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi: 2 “Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele; yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu. 3 Ngaba ukhona na ongazibalayo…
UYobi: Ùluncedo kubani na? 1 Ke yena uYobi uphendule wenjenje: 2 “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye! Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla! 3 Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala; hayi, ubulumko…
UYobi: Liyintoni na ithemba labangenaThixo? 1 Ke kaloku uYobi uphinde wathathisa wenjenje: 2 “Ekho nje uThixo, lo undivimb’ ubulungisa, nditsho uSomandla lo uwenze umphefumlo wam wangcamla ubukrakra: 3 Ukuba ndisaxomoloza…
UYobi: Ofun’ ubulumko makahlonele uThixo 1 “Ewe, ikho imigodi yesiliva; ngokunjalo zikho neendawo zokuhluza igolide. 2 Abantu bemba isinyithi emhlabeni, baze banyibilikise ubhedu olusematyeni. 3 Nenzonzobila yobumnyama abantu bayayihlola-hlola; baphicotha…
UYobi: Akwaba ibinokubuyiselwa kum imihla yamandulo 1 Ke kaloku uYobi wathathisa wathetha wenjenje: 2 “Awu, akwaba ibinokubuyiselwa kum imihla yamandulo, ngokuya uThixo wayesandilondolozile, 3 xenikweni isibane sakhe besikhanya phezu kwentloko…
UYobi: Ngoku ndisebugxwayibeni 1 “Xa kunamhlanje-nje sendisisigculelo nakubafana abayise bendingabazele nto, ebendingeze ndabashiya nezinja zam ezalusa iigusha. 2 Bebeligquba nje ekungekho yalo, amabhetye-bhetye angenakwenza nto tu! 3 Bangamahlwempu alambayo, ahamba…