UYOBI 31
UYobi: Ndiwandlalile umcimbi wam; uSomandla makandiphendule 1 “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo. 2 Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo? Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu? 3…
UYobi: Ndiwandlalile umcimbi wam; uSomandla makandiphendule 1 “Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo. 2 Ke, siyintoni isabelo somntu kuThixo? Liyintoni ilifa kuSomandla kweliphezulu? 3…
UElihu: Phambi koThixo siyafana sobabini 1 Ke kaloku la madoda mathathu ade amncama uYobi, kuba yena wasuka wanje, esithi umsulwa yena. 2 Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi…
1 “Ewe ke ngoku, Yobi, khawukuve ukuthetha kwam, uwaphulaphule onke amazwi am. 2 Khawundibolek’ iindlebe, nam khe ndikuphokozele. Phulaphula, ulwimi lwam selubeth’ inkalakahla. 3 Ewe kaloku, ndithetha ndinyanisekile; andikufihli oko…
UElihu: UThixo akayenzi inkohlakalo 1 Ke uElihu utyatyadule wenjenje: 2 “Hoyina, nani nina zilumko; khanibek’ iindlebe, nani zingqondi! 3 Ukutya kungcanyulwa lulwimi, ke yona intetho iviwa ziindlebe. 4 Makhe sikhethe…
UElihu: Ùthetha amampunge 1 UElihu uqhube wathi: 2 “Ucinga ukuba bubulungisa na obu? Kaloku uthi: ‘Ndiya kugwetyelwa nguThixo.’ 3 Kanti ubhekisa kuThixo usithi: ‘Khon’ ukuba ndonile ke? Kundinceda ngani ukungoni?’…
UElihu: Jonga imimangaliso kaThixo 1 UElihu uqhube wathi: 2 “Kambe ke khawundinyamezele kancinci, kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo. 3 Olwam ulwazi luvela kude; lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa….
1 “Kuthi ke kwakuba njalo isuke igubhe intliziyo yam, ixhume endaweni yayo. 2 Khanikuve ukuzongoma kwelizwi lakhe, niphulaphule ukungqokola okuphuma emlonyeni wakhe. 3 Utshawuzisa imibane esibhakabhakeni, ayithumele eziphelweni zehlabathi. 4…
UNdikhoyo: Mna ndiza kubuza, wena ke uphendule 1 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi: 2 “Wena kuxa ungubani, ukuba ude ufune ukulenza mfiliba icebo lam? Mazwi mani wona la,…
1 “Ngaba uyalazi ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni? Wakha walibona na inxala xa lifikelwa yinimba yokuzala? 2 Lithatha iinyanga ezingakanani lithwele, lize lifike nini ke ixesha lokuzala kwalo? 3 Uyalazi ukuba…
UNdikhoyo: Wena omangalela uThixo, phendula 1 *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi: 2 “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla, usalatha iimpazamo zakhe? Wena omangalela uThixo, phendula.” UYobi: Ndosuka ndiwuthunge umlomo 3 Ke yena uYobi…