UYOHANE 1

Ulizwi waba ngumntu 1 Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo. 2 Yena wayekunye noThixo kwasekuqalekeni. 3 Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo….

UYOHANE 2

UYesu uguqula amanzi abe yiwayini eKana 1 Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu. 2 UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato. 3 Yakuphela iwayini, unina kaYesu…

UYOHANE 3

UYesu ufundisa uNikodimo 1 Kwakukho inkokheli yamaJuda, egama linguNikodimo. Yona yayiyeyehlelo *labaFarasi. 2 Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu, wathi: “Mfundisi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo, kuba akukho bani unako…

UYOHANE 4

UYesu nomSamariyakazi 1-2 Naxa uYesu ngokwakhe engazange abhaptize namnye, ingabafundi bakhe ababebhaptiza, *abaFarasi beva ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ukufumana abafundi ababhaptize. 3 Ngenxa yoko uYesu wemka kwelakwaJuda, wabuyela kwelaseGalili. 4…

UYOHANE 5

Ukuphiliswa kwesigulana eBhetesda 1 Kwathi emva koko kwabakho itheko lamaJuda, waza uYesu waya eJerusalem. 2 EJerusalem kukho ichibi leegusha elibizwa ngokuba yiBhetesda ngesiHebhere. Ngakulo kukho iivaranda ezintlanu. 3 Kuzo kwakulele…

UYOHANE 6

UYesu wandisa ukutya 1 Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya. 2 Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo. 3 UYesu…

UYOHANE 7

Ukungakholwa kwabantakwabo-Yesu 1 Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala. 2 Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe, 3 baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha,…

UYOHANE 8

Umfazi obanjwe ekrexezaIsiqendwana 7:53 neziqendwana 8:1-11 azikho kwezona kopi zindala zikhoyo zale ncwadi [ 1 UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma. 2 Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga,…

UYOHANE 9

UYesu uphilisa umntu ozelwe eyimfama 1 UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama. 2 Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye…

UYOHANE 10

Umzekeliso ngesibaya 1 “Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. 2 Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. 3 Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe…