UYOHANE 11

Ukusweleka kukaLazaro 1 Kwakukho mntu uthile ugulayo, uLazaro. WayengowaseBhetani kuloMariya noMarta oodade wabo. 2 UMariya lo ngulowa wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, waza wazisula ngeenwele zakhe iinyawo zayo.Lo Lazaro wayegula wayengumnakwabo….

UYOHANE 12

Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani 1 Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni. 2 Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli…

UYOHANE 13

UYesu uhlamba iinyawo zabafundi bakhe 1 Laliselisondele itheko *lePasika. UYesu ke wayesazi okokuba lifikile ixesha lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise. Wayesoloko ebathanda abo bangabakhe kweli hlabathi, wabathanda kwada kwaba…

UYOHANE 14

NguYesu indlela 1 “Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam. 2 Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo. 3 Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma,…

UYOHANE 15

UYesu ngumdiliya wenene 1 “Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. 2 Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi. 3 Nina ke senihlambulukile yimfundiso…

UYOHANE 16

1 “Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni. 2 Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo. 3 Ezo zinto baya kuzenza kuni,…

UYOHANE 17

UYesu uthandazela abafundi bakhe 1 Akuba etshilo uYesu, wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, lifikile ngoku ixesha. Mnike iwonga uNyana wakho, aze abubonakalise ubungangamsha bakho. 2 Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke…

UYOHANE 18

Ukubanjwa kukaYesu 1 Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe. 2 UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi…

UYOHANE 19

1 Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe. 2 Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu, 3 amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha. 4 Waphinda uPilato…

UYOHANE 20

Ukuvuka kukaYesu 1 Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe. 2 Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi…