UYOSHUWA 1

UYoshuwa uyálelwa ukuba athimbe iKanana 1 Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis, 2 wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo…

UYOSHUWA 2

UYoshuwa uthumela iintlola eJeriko 1 Emva koko ke uYoshuwa into kaNune wathumela ngasekhusini iintlola zambini zisuka apho babekhulule khona eShitim, wathi: “Hambani niye kuhlola ilizwe laseKanana, ngokukodwa idolophu iJeriko.” Esukile…

UYOSHUWA 3

AmaSirayeli awela iJordan 1 Ngengomso uYoshuwa namaSirayeli ephela bavuka xa kumpondo zankomo, banduluka eShitim, baya kuma phezu kweJordan lo gama balinde ukuwela. 2 Emva kweentsuku ezintathu iinduna zajikeleza esikhululweni, 3…

UYOSHUWA 4

Ukumiswa kwamatye esikhumbuzo 1 Lakuba luwele lwaphelela uhlanga lwamaSirayeli, *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 2 “Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye. 3 Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo…

UYOSHUWA 5

1 Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli. Ulwaluko eGiligali 2 Ngelo…

UYOSHUWA 6

Ukudilika kweendonga zeJeriko 1 Amasango eJeriko ayevalwe mba ukuze amaSirayeli angabi nako ukungena. Kwakungekho mntu uphumayo nongenayo kweso sixeko. 2 *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “IJeriko ndiyinikela kuwe, kunye nokumkani wayo, kwakunye…

UYOSHUWA 7

Isono sika-Akana 1 Akazange athembeke amaSirayeli kumyalelo *kaNdikhoyo wokuba angathathi nto kufuneka itshatyalalisiwe eJeriko. Umfo owawudelayo loo myalelo nguAkana, unyana kaKarmi, umzukulwana kaZabhediwakwaZera wesizwe sakwaJuda. Loo nto yawuvuthisa umsindo kaNdikhoyo…

UYOSHUWA 8

Ukutshatyalaliswa kweAyi 1 Ke kaloku wathi *uNdikhoyo kuYoshuwa: “Uze ungoyiki, ungankwantyi. Thatha wonke umkhosi wakho, uhlasele iAyi. Ukumkani waseAyi, kunye nabantu bakhe, nesixeko sakhe, kunye nalo mhlaba wakhe, ndimnikele ezandleni…

UYOSHUWA 9

UYoshuwa ukhohliswa ngamaGibheyon 1 Imbali yokutshatshela kwamaSirayeli yaya kuvakala nakwiikumkani ezazimi ngasentshonalanga kweJordan: kweleentaba, emazantsi eentaba, nasemantla konxweme lolwandle, ukuya kutsho eLebhanon. Ezo ke yayiziikumkani ezazilawula amaHeti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi,…

UYOSHUWA 10

Ukoyiswa kwama-Amori 1 UAdoni-zedeki ukumkani waseJerusalem weva ukuba uYoshuwa wayithimba iAyi wayitshabalalisa, waza nekumkani yalapho wayibulala kanye njengoko wayenzile naseJeriko nakukumkani walapho. Weva nokuba amaGibheyon anqophisene namaSirayeli, yaye ngoku ahlalisana…