UYOSHUWA 11

Ukuchithwa komkhosi kaJabhin namakholane akhe 1 Ukumkani uJabhin waseHazore uthe akuva ngeziqwenga ezazisenziwa ngamaSirayeli, wathumela isigidimi kukumkani uJobhabhi waseMadon nakwiikumkani zaseShimron naseAkeshafi, 2 nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle…

UYOSHUWA 12

Iikumkani ezoyiswa nguMosis 1 AmaSirayeli ayesele oyisa awuthimba nomhlaba ongasempumalanga yeJordan, ukususa kuloo ngingqi yeAnon, kunyuse loo ntili yeJordan, kuye kutsho kwintaba iHermon. 2 Owokuqala ukumkani owoyiswayo yaba nguSihon umAmori…

UYOSHUWA 13

Umhlaba osamelwe kukuthinjwa 1 Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu. 2-3 Yiyo le imimandla esaseleyo: ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala…

UYOSHUWA 14

Ukwabiwa komhlaba ongasentshonalanga kweJordan 1 Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli. 2 Umhlaba olilifa…

UYOSHUWA 15

Ummandla owabelwa uJuda 1 Nguwo lo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaJuda *ngamaqashiso: Lo mhlaba waya kutsho kumda wase-Edom ezantsi kwentlango. 2 Lo mda wangasezantsi wawucanda kwincam engezantsi yoLwandle oluFileyo, 3…

UYOSHUWA 16

Ummandla owabelwa uEfrayim kunye noManase 1 Umda ongezantsi womhlaba owabelwa inzala kaJosefu wawuqala eJordan kufuphi neJeriko, kwindawo eyayikwicala langasempumalanga yemithombo yaseJeriko, wenjenjeya ubhekisa ngasentlango. Wasuka eJeriko walityhutyha eleentaba ukusa eBhetele….

UYOSHUWA 17

UManase ongasentshonalanga kweJordan 1 Inxalenye yomhlaba ongasentshonalanga kweJordan wabelwa ezinye izindlu zezindlu eziyinzala yonyana omkhulu kaJosefu uManase *ngamaqashiso. UMakire, uyise kaGiliyadi, wayengunyana omkhulu kaManase, umfo oligorha emfazweni. Yiyo ke loo…

UYOSHUWA 18

Ukwabiwa komhlaba osaseleyo 1 Ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lamisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo apho. Naxa umhlaba wawuseluthinjiwe 2 kwakusekho izizwe zamaSirayeli ezisixhenxe ezazingekabelwa ilifa lazo. 3 Wabhekisa kumaSirayeli ke uYoshuwa wenjenje: “Niya…

UYOSHUWA 19

Ummandla owabelwa uSimon 1 *Iqashiso lesibini laphumela isizwe sakwaSimon ngokwezindlu zaso. Ilifa laso lalikummandla wakwaJuda. 2 Umhlaba wakwaSimon wawuquka iBheshebha, iShebha, iMolada, 3 iHazare-shuwali, iBhala, ne-Ezem, 4 iEltoladi, iBhetuli, iHoma,…

UYOSHUWA 20

Izixeko zokuphephela 1 *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 2 “Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo. 3 Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba…