UMSEBENZI WABATHUNYWA 3

Ukuphiliswa kwesiqhwala 1 Ngamhla uthile uPetros noYohane baya *endlwini kaThixo ngexesha lomthandazo, ngentsimbi yesithathu emva kwemini. 2 Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4

UPetros noYohane phambi kweBhunga 1 Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi. 2 Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 5

UHananiya noSafira 1 Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo, 2 baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa. 3 UPetros wabuza…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 6

Ukumiselwa kwabancedisi 1 Kwathi kwakubon’ ukuba liyanda inani labalandeli bakaYesu, kwavela ukungevisisani phakathi kwamaJuda athetha isiGrike kwanamaJuda athetha olweenkobe. AmaJuda athetha isiGrike akhalazela ukuba abahlolokazi bawo àbamkeliswa kakuhle kwimali yenkxaso…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 7

Intetho kaStefano 1 Umbingeleli omkhulu wabhekisa kuStefano wathi: “Khanyela watyholwa!” 2 Waza uStefano wathetha nentlanganiso wenjenje: “Mawethu nani bobawo, khanindiphulaphule. UThixo, eyona ngangalala, wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngexesha awayehlala eMesopotami,…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 8

1 Naye uSawule wabuthakazelela obu bugebenga. USawule utshutshisa ibandla Kwangaloo mhla kwaqaleka intshutshiso enkulu ebandleni laseJerusalem. Ngaphandle *kwabathunywa, basarhazeka bonke abakholwayo, kuwo onke amaphondo elakwaJuda naseSamariya. 2 Amadoda athile anenzondelelo…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 9

Ukuguquka kukaSawule 1 Ngalo lonke eli thuba uSawule yena wayefutha izisongelo zokwenzakalisa abalandeli beNkosi. Waya kumbingeleli omkhulu, wacela ukuba amnike iincwadi zeziqinisekiso, 2 ukuze aye *ezindlwini zesikhungo zamaJuda eDamasko, abe…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 10

UPetros noKorneli 1 EKhesariya kwakukho umphathi-butho wamajoni aseRoma ogama linguKorneli. Umkhosi wakhe kwakusithiwa ngowaseItali. 2 Yena nosapho lwakhe babengabantu abamnqulayo bemhlonela uThixo. Wayengumntu onezinwe, ewanceda amaJuda ahlelelekileyo, ethandaza rhoqo kuThixo….

UMSEBENZI WABATHUNYWA 11

Ingxelo kaPetros ebandleni laseJerusalem 1 *Abathunywa namakholwa akulo lonke elakwaJuda, eva ukuba iintlanga nazo zilamkele ilizwi likaThixo. 2 Akubuyela eJerusalem uPetros, amaJuda angamakholwa amgxeka esithi: 3 “Wena ubulundwendwe lwabantu abangolukiyo…

UMSEBENZI WABATHUNYWA 12

Ukubulawa kukaYakobi nokubanjwa kukaPetros 1 Ngeli thuba naye ukumkani uHerode wabatshutshisa abathile balo ibandla. 2 Wambulala ngekrele uYakobi umntakwabo-Yohane. 3 Uthe akuqonda ukuba esi senzo siwakholisile amaJuda, waqhubela phambili ngokuvalela…