KWABASEROMA 15

UKrestu umzekelo wokungazikholisi 1 Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu, 2 koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo….

KWABASEROMA 16

Imibuliso kaPawulos 1 Ke kaloku ndimyaleza kuni udade uFibhi, oligosakazi kwibandla eliseKenkreya. 2 Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba…

1 KWABASEKORINTE 1

Isingeniso 1 Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu. 2 Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte,abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke…

1 KWABASEKORINTE 2

UPawulos ushumayela uKrestu obethelelwe emnqamlezweni 1 Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi. 2 Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu,…

1 KWABASEKORINTE 3

Abancedisayo emsebenzini kaThixo 1 Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu. 2 Ndaniseza…

1 KWABASEKORINTE 4

Abathunywa bakaThixo 1 Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa. 2 Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile. 3 Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni…

1 KWABASEKORINTE 5

Umbulo ebandleni 1 Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise. 2 Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi…

1 KWABASEKORINTE 6

Ukumangalelana kwamakholwa 1 Xa kukho umntu phakathi kwenu onento afuna ukumangalela omnye ngayo, angathini ukusuka aye kummangalela enkundleni, ukuze ityala lakhe lithethwe ngabangengomakholwa? Kutheni le nto angalisi kumakholwa nje ityala…

1 KWABASEKORINTE 7

Iingxaki ezimalunga nomtshato 1 Ngoku ke mandiphendule umbuzo wenu. Kulungile ukuba indoda ingabi nanto yakwenza nomntu obhinqileyo, 2 kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe…

1 KWABASEKORINTE 8

Iingxaki ezimalunga nokutyiwa kwenyama yedini 1 Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha….