EYONQULO 11

Inyama enokutyiwa nemayingatyiwa 1 *UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo, 2-3 ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa. 4-6 Kodwa zona iinkamela, neembila, nemivundla,…

EYONQULO 12

Ukuhlanjululwa kwamakhosikazi emva kokubeleka 1 *UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo 2 ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. 3 Ngosuku…

EYONQULO 13

Izigulo zolusu nenkqubo ephathelelene nazo 1 Nantsi inkqubo eyanikwa uMosis *nguNdikhoyo: 2 Xa kukho umntu onesilonda, nokuba lithumba, nokuba kukujaduka okungahle kube sisifo solusu esosulelayo, loo mntu kufuneka asiwe kumbingeleli…

EYONQULO 14

Ukususwa komlaza kumntu obenesifo solusu 1 *UNdikhoyo wanika uMosis le nkqubo 2 yokususwa *komlaza kumntu ophilileyo obesakuba nesifo esosulelayo solusu. Kuya kuthi ngomhla okuza kwaziswa ngawo ukuba akasenamlaza kufuneke adibane…

EYONQULO 15

Ububovu obubanga umlaza 1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis nakuAron wathi 2 maze baxelele amaSirayeli ukuba xa kukho indoda evuza ububovu ngamaphambili, loo nto yenza *umlaza, 3 nokuba ukuvuza oko kuhlala kukho,…

EYONQULO 16

UMhla wokuCamagusha 1 Emva kokufa koonyana baka-Aron bobabini, abafa ngenxa yokwenzela *uNdikhoyo umlilo ongekho esikweni, 2 uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan’ angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele,kuba…

EYONQULO 17

Indawo emakuxhelelwe kuyo 1 *UNdikhoyo wathi uMosis 2 makagqithisele le mimiselo kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli ephela: 3-4 UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye…

EYONQULO 18

Mayela norheletyo 1 *UNdikhoyo wayalela uMosis 2 ukuba axelele amaSirayeli athi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. 3 Sanukulandela imikhwa yabantu baseJiputa, apho benifudula nihlala khona, okanye eyabantu baseKanana, apho ndinisa khona…

EYONQULO 19

Imithetho ngemithetho 1 *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba makathi kwibandla lilonke lakwaSirayeli: 2 “Yibani ngabantu abangcwele, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndingcwele. 3 Hlonelani uyihlo nonyoko,nize *noMhla wokuPhumla niwugcine ngokomyalelo wam.Kaloku…

EYONQULO 20

Isohlwayo sokungathobeli 1 *UNdikhoyo wathi kuMosis 2 makathi kumaSirayeli: “Nabani na kuni, nokuba ngumntu wasemzini ohlala phakathi kwenu, othe wanikela ngomntwana wakhe ukuba kunqulwe ngaye uMoleki, loo mntu makaxulutywe ngamatye…