KUMAHEBHERE 8

UYesu umbingeleli womnqophiso omtsha 1 Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu! 2 Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo…

KUMAHEBHERE 9

Ukufika komnqophiso omtsha 1 Umnqophiso wokuqala wawunemimiselo eyayenzelwe unqulo. Wawunaso nesicamagushelo esasenziwe ngabantu. 2 Kaloku kwakukho intente eyenziweyo;igumbi layo lokuqala kwakusithiwa yindawo engcwele. Kulo kwakukho indawo yokubeka isibane,kukho netafile, kunye…

KUMAHEBHERE 10

1 Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo. 2 Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa….

KUMAHEBHERE 11

Ukukholwa 1 Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo. 2 Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo. 3 Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo,zaza izinto ezibonakalayo…

KUMAHEBHERE 12

Ukunyamezela ingqeqesho 1 Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. 2 Amehlo ethu…

KUMAHEBHERE 13

Iziyalo nezilumkiso 1 Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. 2 Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi. 3 Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni…

EKAYAKOBI 1

Isingeniso 1 Kubhala mna Yakobi,isicaka sikaThixo neNkosi uYesu Krestu. Ndibulisa bonke abantu bakaThixo abathe saa kulo lonke elimiweyo. Ukholo nobulumko 2 Mawethu, zithatheni njengabantu abanethamsanqa, xa nifikelwa zizilingo ngezilingo. 3…

EKAYAKOBI 2

Isilumkiso ngocalu-calulo 1 Mawethu, njengoko nikholwa kuYesu Krestu iNkosi yethu enobungangamsha – ninomkhethe kodwa nina. 2 Nakufikelwa ziindwendwe ezimbini endlwini yenkonzo, omnye enxibe kakuhle ehombe ngamaso egolide, omnye elihlwempu edlakazela,…

EKAYAKOBI 3

Ulwimi 1 Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye. 2 Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele,…

EKAYAKOBI 4

Ingozi yokuhlobana nehlabathi 1 Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu. 2 Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki…