UHLAZIYO-MNQOPHISO 28

Kuluyolo ukuthobela 1 “Ke ukuba ulithobele ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi. 2 Xa uthe walithobela ke walenza lizwi…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 29

Ukuhlaziywa komnqophiso eMowabhi 1 Nantsi ke imiqathango yomnqophiso *uNdikhoyo awayalela uMosis ukuba awenze namaSirayeli kwelaseMowabhi; yona ixhasa umnqophiso owenziwa nguNdikhoyo kwintaba iHorebhe. 2 UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 30

Intsikelelo yokubuyela kuNdikhoyo 1 “Zakuba zifikile zonke ezi ntsikelelo endikuxelele ngazo, zaza zakuhlela neziqalekiso, kungenzeka ukuba uzithathele ingqalelo naphi na apho uNdikhoyo uThixo wakho athe wakusasaza khona phakathi kweentlanga. 2…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 31

UYoshuwa uthatha indawo kaMosis 1 Waqhubela phambili uMosis ukuthetha nawo onke amaSirayeli, 2 wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan. 3 NguNdikhoyo…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 32

1 Khanibek’ iindlebe, mazulu, ndithethe; khawuthi cwaka, mhlab’, uphulaphule. 2 Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula, itshone njengombeth’ emhlabeni, amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza, abe njengomvimbi phezu kotyani. 3 Kaloku…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 33

UMosis uthamsanqela amaSirayeli 1 Phambi kokuba afe, uMosis, umfo wakwaThixo, amaSirayeli wawathi jize ngezi zithamsanqeliso: 2 “Kwintaba iSinayi gqi qhaphu *uNdikhoyo; njengelanga wathi gqi kwaEdom. Wabengezela evela kwiintaba zeParan; wavela…

UHLAZIYO-MNQOPHISO 34

Ukufa kukaMosis 1 Ke kaloku uMosis wesuka kuloo mathafa aseMowabhi, wenyuka intaba iNebho, waya kutsho kuloo ncopho kuthiwa yiPisga imalunga neJeriko. Wathi elapho ke *uNdikhoyo wambonisa lonke elo lizwe: ummandla…

UYOSHUWA 1

UYoshuwa uyálelwa ukuba athimbe iKanana 1 Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis, 2 wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo…

UYOSHUWA 2

UYoshuwa uthumela iintlola eJeriko 1 Emva koko ke uYoshuwa into kaNune wathumela ngasekhusini iintlola zambini zisuka apho babekhulule khona eShitim, wathi: “Hambani niye kuhlola ilizwe laseKanana, ngokukodwa idolophu iJeriko.” Esukile…

UYOSHUWA 3

AmaSirayeli awela iJordan 1 Ngengomso uYoshuwa namaSirayeli ephela bavuka xa kumpondo zankomo, banduluka eShitim, baya kuma phezu kweJordan lo gama balinde ukuwela. 2 Emva kweentsuku ezintathu iinduna zajikeleza esikhululweni, 3…