IINKOKHELI 20

USirayeli uza kuhlasela iGibheya 1 USirayeli ephela, ukusuka kwaDan kuye kuqhina ngeBheshebha, ngokunjalo nomhlaba waseGiliyadi, ewe, lonke ibandla likaSirayeli lahlanganisana limoya mnye phambi *koNdikhoyo eMizpa. 2 Zonke iinkulu zezindlu zikaSirayeli…

IINKOKHELI 21

AmaBhenjamin afunelwa abafazi 1 Ke kaloku ngethuba amaSirayeli ayehlanganisene eMizpa ayebhambathisile phambi *koNdikhoyo athi: “Asisoze sendisele iintombi zethu kumaBhenjamin.” 2 Ngoku ke amaSirayeli suke ahlanganisana phambi koThixo eBhetele; ahlala apho…

URUTE 1

UNawomi uyagoduka 1 Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini. 2 Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon…

URUTE 2

URute emasimini akwaBhowazi 1 Kwakukho mfo uthile ogama linguBhowazi owayesisizalwane sasemzini kaNawomi. Wayengowesiduko sikaElimeleki, engumfo owaziwayo. 2 UmMowabhikazi uRute wathi kuNawomi: “Mandikhe ndiye emasimini, ndibhikice kulaa ngqolowa ivunwayo, ndikhwahlaze emva…

URUTE 3

URute uzibika kuBhowazi 1 UNawomi wathi kumolokazana wakhe: “Kufuneka ndikufunele owakho umzi, mntwan’ am, apho uya konwaba khona. 2 Laa mfo uBhowazi, lowa ubuthe nca kubasebenzi bakhe ukhwahlaza, sisizalwane esisondeleyo…

URUTE 4

URute wendela kuBhowazi 1 Wenjenjeya uBhowazi ukusinga kwindawo yembizo ngasemasangweni omzi, wafika wahlala phantsi. Esahleli apho, kwathi gqi isizalwana sikaElimeleki esingumkhululi, esiya wayethethe ngaso kuRute, wasibiza esithi: “Khawuz’ apha, mfondini,…

1 KASAMWELI 1

UElikana nosapho lwakhe eShilo 1 ERamatayim kwakukho mfo uthile ugama linguElikana, unyana kaJeroham, kaElihu, kaTowu wendlu kaZufi. Wayengowesizwe sakwaEfrayim kweleentaba. 2 Lo mfo wayenabafazi ababini, uHana noPenina. UPenina wayezala, kodwa…

1 KASAMWELI 2

Umthandazo kaHana 1 Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi: “Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo! Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe. Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam, ndichulumanca lusindiso lwam. 2 Hayi,…

1 KASAMWELI 3

UNdikhoyo uzityhila kuSamweli 1 Ke kaloku umfana uSamweli wayekhonza *kwaNdikhoyo phambi koEli. Ngaloo mihla udaba oluvela kuNdikhoyo lwalunqabile, kungekho mntu unemibono ivela kuye. 2 UEli wayenorhatyazo emehlweni kangangokuba wayebona luzizi….

1 KASAMWELI 4

1 Ilizwi likaSamweli lafikelela kumaSirayeli onke. Ukuthinjwa kwetyesi yomnqophiso Aphuma amaSirayeli, ahlangabezana namaFilistiya ukuya kulwa nawo. AmaSirayeli amisa e-Ebhenezere; wona amaFilistiya amisa eAfeki. 2 AmaFilistiya akha uluhlu ukukhawulela amaSirayeli, kwahlanganwa,…