1 YOOKUMKANI 20

UBhenadadi uhlasela iSamariya 1 Ke kaloku uBhenadadi ukumkani wama-Aramwawuqokelela wonke umkhosi wakhe. Wayencediswa ngookumkani abamashumi mathathu anambini, benamahashe neenqwelo zabo, wayingqinga iSamariya wayihlasela. 2 Wathumela abathunywa apho esixekweni kukumkani uAhabhi…

1 YOOKUMKANI 21

Isidiliya sikaNabhoti 1 Ekuhambeni kwethuba kwabakho imbambano ngenxa yesidiliya somfo waseYizereli uNabhoti. Esi sidiliya sasiseYizereli kufutshane nekomkhulu likakumkani uAhabhi waseSamariya. 2 UAhabhi wathetha noNabhoti, wathi: “Esi sidiliya sakho sikufuphi kakuhle…

1 YOOKUMKANI 22

UMika ulumkisa uAhabhi 1 Kwaba yiminyaka emithathu iluxolo phakathi kwamaSirayeli nama-Aram. 2 Kambe ke kulo nyaka wesithathu uYoshafati ukumkani wakwaJuda wehla waya kubonana nokumkani wakwaSirayeli. 3 Ukumkani wakwaSirayeli wayethethe namaphakathi…

2 YOOKUMKANI 1

UEliya nokumkani uAhaziya 1 Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli. 2 Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa,…

2 YOOKUMKANI 2

Ukunyuselwa ezulwini kukaEliya 1 Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali. 2 UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”…

2 YOOKUMKANI 3

Uvukelo lweMowabhi 1 UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini. 2 Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke…

2 YOOKUMKANI 4

Amafutha omhlolokazi 1 Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba…

2 YOOKUMKANI 5

Ukuphiliswa kukaNahaman 1 Ke kaloku uNahamanwayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram.Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa. 2 Ke iqela elithile…

2 YOOKUMKANI 6

Izembe liyadada 1 Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani. 2 Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”…

2 YOOKUMKANI 7

1 UElisha waphendula wathi: “Phulaphula, nali ilizwi likaNdikhoyo! UNdikhoyo utsho ukuthi: ‘Malunga neli xesha ngomso iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa kananjalo neekhilogram ezintandathu zerhasi apha eSamariya zobe zithengiswa ngesiliva enye kuphela.’…