UYOBI 15

UElifazi: Kutheni ukuba uvukelane noThixo? 1 Ke uElifazi waseTeman waphendula wathi: 2 “Uthi isilumko singaze sitsho ngembudede enje? Singathi kanti sihlalele ukubhodla umoya wasempuma? 3 Wawusibona phi isilumko esibhibhidla kanje…

UYOBI 16

UYobi: Ukho ongakum ondithethelayo kweliphezulu 1 Ke uYobi waphendula wenjenje: 2 “Zonke ezi zinto nindixelela zona sendikhe ndaziva ngaphambili; inene, xa ninonke ningabathuthuzeli abangento. 3 Ngaba le ntshwaqane yenu ayinasiphelo?…

UYOBI 17

UYobi: Akukho themba kwelabafileyo 1 “Umoya wam wonakele, nemihla yam iphelile; ngoku sending’ong’ozelwe lingcwaba. 2 Inene, ngapha nangapha ndiphahlwe ngabandigculelayo; ewe, ndijongene nentiyo yabo. 3 “Nceda, Thixo, undibekele isibambiso. Kakade…

UYOBI 18

UBhildadi: Sisikhohlakali esihlelwa ngumonakalo 1 Kwesi sithuba ke kuthathise uBhildadi, umfo waseShuwa, wenjenje: 2 “Koda kube nini untyuntya? Hayi bo, khawubuyel’ ezingqondweni, nathi ke sithethe! 3 Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?…

UYOBI 19

UYobi: Ndiya kumbona uThixo 1 Ke kaloku waphendula uYobi wathi: 2 “Yaz’ba koda kube nini na nindingcungcuthekisa, nindaphula nindikroboza ngamazwi? 3 Kunini niphoxisa ngam! Aninantloni ukundihlasela kangaka? 4 Khona sekusithiwa…

UYOBI 20

UZofare: Imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje 1 Ke kaloku uZofare waseNama waphendula wathi: 2 “Ukudubeka kwam kundibangela ukuba mandiphendule; kunditsho ndikungxamele ukuthetha. 3 Ngale ndlela undigxeka ngayo uyandihlaza, kodwa…

UYOBI 21

UYobi: Ngani ukuba abakhohlakeleyo babe nenkqubela? 1 UYobi ke waphendula wenjenje: 2 “Khanibek’ iindlebe nindiphulaphule; leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum. 3 Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe; emva koko ke ningaqhubela…

UYOBI 22

UElifazi: Ubugwenxa bakho abunasiphelo 1 Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje: 2 “Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo? Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko? 3 Uthi ngaba uSomandla unolutho…

UYOBI 23

UYobi: Oko uThixo afuna ukukwenza uyakwenza 1 UYobi uphendule wenjenje: 2 “Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo, kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje! 3 Akwaba bendimazi apho akhoyo, ndiyazi nendlela eya…

UYOBI 24

UYobi: UThixo akazisi enkundleni izikhohlakali 1 “Ngani ukuba uSomandla angalimisi ixesha lokugweba? Kutheni ukuba nâbo bamaziyo bangayiboni loo mini? 2 Abantu bayawushenxisa umlima-ndlela. Ewe, beba iigusha bazifuye emadlelweni. 3 Bayayohlutha…