IINDUMISO 13
Ukucela uncedo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela? Koda kube nini na ndingakuboni? 2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa, ndinesingqala, ibuhlung’ imini yonke intliziyo yam?…
Ukucela uncedo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela? Koda kube nini na ndingakuboni? 2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa, ndinesingqala, ibuhlung’ imini yonke intliziyo yam?…
Abakhohlakeleyo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo. Zonakele, futhi zenza amasikizi; akukho ulungisayo kuzo. 2 Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu; uhlel’ ezulwini efuna ukuqonda ukuba ngaba sikho…
Undwendwe lukaNdikhoyo Umhobe kaDavide. 1 *Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho; ingubani oya kutyelela kwakho? 2 Ngulowo uhambo ingenabala, owenza ubulungisa, ayithethe inyaniso engafihlisi. 3 Ngulowo unganyelisiyo, ungamenziyo into embi…
Umthandazo wethemba Ucamngco lukaDavide. 1 Ndikhusele kaloku, Thixo; ndithembele ngawe. 2 Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam; ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani. 3 Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo; nditsho…
Umthandazo womntu ongenankohliso Umthandazo kaDavide. 1 Kuphulaphule ukunyaniseka kwam, *Ndikhoyo; kubazel’ iindlebe ukutarhuzisa kwam. Yiva, nas’ isicelo sam. Kaloku mna andinankohliso. 2 Malicace kuwe ibango lam; amehlo akho makakhangele ngokungenaxanasi….
Ingoma kaDavide yoloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi: 1 Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am. 2 NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba…
Indalo nomyalelo kaThixo Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo, nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. 2 Imini ixelela imin’ elandelayo, nobusuku bubikela ubusuk’ obulandelayo. 3 Akukho ntetho namazwi nasandi…
Umthandazo woloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Wanga *uNdikhoyo angakuphulaphula ngemini yeembandezelo! Wanga angakukhusela uThixo kaYakobi! 2 Wanga angakuthumela uncedo luvel’ ebhotwe lakhe, akuxhase esentabeni yeZiyon. 3 Wanga angayamkela iminikelo yakho…
Umbongo woloyiso Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. 1 Uyavuya ukumkani ngenxa yamandla akho, *Ndikhoyo, uyachulumacha kuba umnike uloyiso. 2 Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe; usivile isicelo sakhe. 3 Umhlangabeze ngeentsikelelo ezingathethekiyo, wamthi jize…
Isililo nengoma yokubonga Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Uvunywa ngokwengoma ethi: “Inxala lomsobomvu.” 1 Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na? Kudala ndizigixa, ndicel’ uncedo, kodwa andikalufumani unangoku! 2 Thixo wam, emini ndikhalela…