IINDUMISO 73

Ubulungisa bukaThixo Umhobe ka-Asafu. 1 Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli; ulungile kwabantliziyo zinyulu. 2 Kodwa ke mna suka ndathandabuza, ewe, gcwizi ndityibilike, 3 kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo, kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo. 4…

IINDUMISO 74

Ukuthandazela inkululeko yesizwe Umbongo ka-Asafu. 1 Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla? Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho? 2 Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo, owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho; khumbula…

IINDUMISO 75

UThixo umgwebi Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; liculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.” 1 Ngxatsho ke, siyakubulela, Thixo! Siyalibabaza igama lakho ngenxa yemisebenzi yakho emangalisayo. 2 “Ngexesha endilimisileyo ndiya kugweba ndingakhethi…

IINDUMISO 76

UThixo umrhwaqelisi wezikumkani Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; likhatshwa ngezeengcingo. 1 UThixo uyaziwa kwaJuda; igama lakhe lidumile kwaSirayeli. 2 IseJerusalem indlu yakhe; ikhaya lakhe liseZiyon. 3 Wazikroboza iintolo namakhakha, amakrele nezikrweqe…

IINDUMISO 77

Intuthuzelo yamaxesha eenzima Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu kuJedutun. 1 Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo; ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule. 2 Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini; ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla, umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka. 3…

IINDUMISO 78

UThixo nabantu bakhe Umbongo ka-Asafu. 1 Khaniyibekel’ iindlebe, mawethu, imfundiso yam; khanindiph’ iindlebe ndithethe. 2 Ndiza kuthetha nani ngemizekeliso; ndiza kuphokoz’ iintsonkotha zamandulo. 3 Ndixel’ izinto esazivayo nesizaziyo, izintw’ esazixelelwa…

IINDUMISO 79

Isicelo sokuhlangulwa kwesizwe Umhobe ka-Asafu. 1 Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo; ziyixabhele indlu yakho engcwele, iJerusalem itsho yalinxuwa. 2 Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka, izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi. 3 Igazi…

IINDUMISO 80

Ukuthandazela ukuvelelwa kwesizwe Kumbhexeshi-kwayara; uculwa njengalowa uthi: “Iinyibiba ziyangqina.” Umhobe ka-Asafu. 1 Khawubek’ iindlebe, malusi kaSirayeli! Wena makhokel’ uJosefu njengomhlambi, wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko, 2 khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase; ngaloo…

IINDUMISO 81

Ingoma yetheko Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati. 1 Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo; memelelani nidumise uThixo kaYakobi. 2 Hlabelani nitsho ngohadi; dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala. 3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa…

IINDUMISO 82

UThixo ulawula konke Umhobe oculwayo ka-Asafu. 1 UThixo uchophele intlanganiso *yoothixo; nguye olawulayo koothixo bonke; 2 uthi: “Kunini nilawula ngegobe, nibabonelela abakhohlakeleyo! 3 Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama, nibonelele iintsizana namahlwempu. 4…