IINDUMISO 83

Umthandazo wokuba amaSirayeli oyise Umhobe oculwayo ka-Asafu. 1 Awu, Thixo, ungathini ukuthi cwaka? Ngani ukuba wonwabe, Thixo? 2 Nâzo iintshaba zakho zikuvukela. Nâbo abakuthiyileyo bephithizela. 3 Ewe, babenzela amayelenqe abantu…

IINDUMISO 84

Ukulangazelela indlu kaThixo Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora; uvunywa njengalowa wamaGati. 1 Hay’ ubuhle nokuthandeka komzi wakho, *Ndikhoyo onamandla onke. 2 Umphefumlo wam uzele lulangazelelo; ewe, ulangazelela inkundla yakwakho, Ndikhoyo. Ndiyamemelela…

IINDUMISO 85

Ukuthandazela inkqubela yesizwe Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora. 1 Ewe, *Ndikhoyo, ulazelelele eli lizwe; uYakobi umthe jize ngendyebo nenkqubela. 2 Ubaxolele abantu bakho ngobugwenxa babo; ubuye wazilibala izono zabo. 3 Ubuye…

IINDUMISO 86

Ukuzibika Umthandazo kaDavide. 1 Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele; kaloku mna ndiyimpula kalujaca. 2 Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela; sihlangule isicaka esikholosa ngawe. 3 UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi. Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe….

IINDUMISO 87

Izibongo zeJerusalem Iculo elingumhobe woonyana bakaKora. 1 *UNdikhoyo wasithi zinzi isixeko sakhe phezu kwentaba engcwele. 2 Ewe, yena akaziva ngeZiyon; ingaphezu kwayo yonke imizi yakwaYakobi. 3 Ewe, kuthethwa kamnandi ngawe,…

IINDUMISO 88

Ukukhalela uncedo Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo woonyana bakaKora; umbongo kaHeman umEzra; umva-ndedwa womntu ogulayo. 1 Emini ndibhenela kuwe, *Ndikhoyo, Msindisi wam; nasebusuku ndizibika kuwe, Thixo wam. 2 Mawuvakale umthandazo wam kuwe;…

IINDUMISO 89

Ingoma yamaxesha enkathazo Umbongo kaEtan umEzra. 1 *Ndikhoyo, ndiya kucula ngezibele zakho njalo-njalo; ukuthembeka kwakho ndokubhengeza kuzo zonke izizukulwana. 2 Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe; ukuthembeka kwakho ukuzinzisile…

IINDUMISO 90

Amandla kaThixo nobulwelwe bomntu Umthandazo kaMosis, isicaka sikaThixo. 1 Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi, izizukulwana ngezizukulwana. 2 Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi, ubusel’ ukade unguThixo wena kwanini-nini. 3 Umbuyisela kwaseluthulini…

IINDUMISO 91

UThixo umkhuseli wethu 1 Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke, uhlala esemthunzini kaSomandla. 2 Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam; uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” 3 Kuba nguye okuhlangula emgibeni…

IINDUMISO 92

Ingoma yombulelo Umbongo *waNgomhla woPhumlo. 1 Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo; yinto entle ukubonga igama loPhezukonke. 2 Kulungil’ ukubalisa ngezibele zakhe kusasa, nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa, 3 kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula, nehapu…