IINDUMISO 103

Izibele zikaThixo Umhobe kaDavide. 1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam! Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke! 2 Moya wam, mbonge uNdikhoyo, ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini: 3 uloxolela zonk’ izono zam;…

IINDUMISO 104

Ukubonga uMdali 1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam! Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa! Uzithe wambu ngesihomo nesithozela; 2 ulowambath’ ukukhanya, kwanga yingubo; ulotwabulul’ isibhakabhaka, wanga wanek’ intente; 3 ulomis’ iintsika…

IINDUMISO 105

UThixo nemilowo yakwakhe 1 Bulelani *uNdikhoyo, ninqule igama lakhe, nizibalisel’ iintlanga ngezintw’ asenzele zona. 2 Mombeleleni, mbongeni, zixeleni izintw’ ezimangalisayo asenzele zona! 3 Qhayisani ngegama lakhe; mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!…

IINDUMISO 106

Izibele zikaNdikhoyo kubantu bakhe Iculo; umhobe kaDavide. 1 Mbongen’ *uNdikhoyo! Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo. Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade. 2 Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo; ingubani onokumbonga…

IINDUMISO 107

Ukuncoma ukulunga kukaThixo 1 Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile; ezakhe izibele zohlala zihleli. 2 Ewe, mabadanduluke batsho abasindisiweyo bakaNdikhoyo, abo abakhululeyo esandleni sotshaba; 3 nditsho abo baqokelelwe kwizizwe ngezizwe, empuma nasentshona,…

IINDUMISO 108

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni 1 Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo; ewe ngenene, andithandabuzi; ndiza kumemelela nditsholoze! 2 Ndosuka ndiqubul’ ihapu nekatala; ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo. 3 Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;…

IINDUMISO 109

Isikhalazo somntu osengxakini Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. 1 Thixo wam endimncomayo, ngani ukuba uthi cwaka, 2 ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki? Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki; 3 bathetha izinto ezimasikizi ngam; bandihlasela ndingenzanga…

IINDUMISO 110

UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe Umhobe kaDavide. 1 *UNdikhoyo wathi enkosini yam ukumkani: “Hlala ngakum kweli wonga, lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.” 2 Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon. Ke wena zilawule iintshaba…

IINDUMISO 111

Izibongo zikaNdikhoyo 1 Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!” *UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise; ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe. 2 Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo; abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise. 3 Imisebenzi yakhe…

IINDUMISO 112

Uvuyo lwelungisa 1 Aa! Bayethe, Mhlekazi! Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo, oyilangazelelayo imiyalelo yakhe. 2 Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni; isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka. 3 Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi; uya…