IZAFOBE 23

1 Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu, yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho. 2 Xa ngaba ungumntu otya gqitha wubambe umqala wakho. 3 Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe, hleze uzibizele…

IZAFOBE 24

1 Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo, ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo. 2 Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela, nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu. 3 Indlu yona yakhiwa ngobulumko, izinziswe ngengqondo. 4 Lulwazi…

IZAFOBE 25

USolomon usaqhuba 1 Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda: 2 Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo; kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi. 3 Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba, zikwanjalo…

IZAFOBE 26

1 Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni, okanye kune imvula ngexesha lokuvuna. 2 Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli; sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi. 3 Ihashe liyabethwa, ke yona idonki…

IZAFOBE 27

1 Musa ukuqhayisa ngengomso, kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na. 2 Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo; ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho. 3 Amatye nesanti…

IZAFOBE 28

1 Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo; ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama. 2 Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha, kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza. 3 Umfo osweleyo…

IZAFOBE 29

1 Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani, wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo. 2 Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu; kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa. 3 Othanda…

IZAFOBE 30

Amazwi ka-Agure 1 Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo.Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali: 2 “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini; kwaye ingqondo yomntu ayikho kum. 3 Zange…

IZAFOBE 31

Ukumkani uyacetyiswa 1 La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina. 2 “Awu, mtanam, sana lwesizalo sam, nyana wezibhambathiso zam, 3 amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana, iindlela zakho ungazilahleli…

AMAVA ENGQONDI 1

Akukho nto intsha ehlabathini 1 Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem: 2 “Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi, “ewe, ngokupheleleyo ngamampunge; yonk’ into ngamampunge!” 3 Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?…