UISAYA 2

Uxolo olungaphele ndawo 1 Olu ludaba olwatyhilelwa uIsaya unyana ka-Amozi ngokuphathelele kuJuda neJerusalem: 2 Ke kaloku ngemihla yokugqibela intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo iya kuba yeyona ibalaseleyo, izikrobele zonke iinduli;…

UISAYA 3

Umbhodamo eJerusalem 1 Nanko ke *uNdikhoyo onamandla onke! EJerusalem nakwaJuda ubhubhisa yonke into okwakuyinkxaso nesixhaso. Uza kutshayela kuthi tu ukutya ngokunjalo namanzi. 2 Asisathethi ke ngamagorha namajoni, abagwebi kwakunye *nabashumayeli,…

UISAYA 4

1 Ke kaloku abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, bathi: “Sinako ukuzixhasa ngokutya nempahla yokunxiba; kambe ke into esiyicelayo kukuba sibizwe ngegama lakho, ukuze siphume ehlazweni.” Ikamva leJerusalem 2 Ngelo xesha ke…

UISAYA 5

Ingoma engesidiliya 1 Makhe ndintyiloze ndivum’ ingoma, ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe. Ugxa wam wayenesidiliya kwinduli echuma kunene. 2 Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye, waza watyala idiliya yodidi. Kwalapho wakha nemboniselo;…

UISAYA 6

Ukubizwa kukaIsaya 1 Ngonyaka awasweleka ngawo ukumkani u-Uziya,ndayibona iNkosi ihleli kwibhotwe layo eliphakamileyo nelizimasekileyo. Yayizithe wambu ngomnweba owawulurhululu lomwundu-wundu owalitsho lazala qhu elo pomakazi liyindlu yayo. 2 Yayiphahlwe *zizithunywa ezimaphiko…

UISAYA 7

Udaba oluya kukumkani uAhazi 1 Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram, ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa…

UISAYA 8

Unyana kaIsaya ngumqondiso 1 *UNdikhoyo wathetha nam wathi: “Thatha ithwathwa elikhulu lokubhala, ubhale cacileyo uthi: ‘Phangamaxhoba.’ 2 Ngokunjalo ke thatha amadoda amabini athembekileyo, umbingeleli u-Uriya noZakariya unyana kaYebherekiya, abe ngamangqina…

UISAYA 9

Ukumkani ozayo 1 Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele…

UISAYA 10

1 Yeha ke, nina niqulunqa imithetho yobutshijolo, nina baqingqa imithetho yokucinezela abantu, 2 ukuze amahlwempu angafumani malungelo, nokuze abacinezelwa bona bangalungiselelwa. Nisuka nibaxhaphaze abahlolokazi, iinkedama zona zibe ngamaxhoba enu. 3…

UISAYA 11

Umbuso ozolileyo 1 Kwisiphunzi sikaJese kuya kuntshula ihlumelo; kumnombo wakhe kosuka kuthi thaphu isebe. Elo sebe ke lothwala iziqhamo. 2 UMoya *kaNdikhoyo uya kubutha kuye, amambathise ngobulumko nokuqonda, atsho abe…