UISAYA 32

Ukumkani ofezekileyo 1 Woze afike ukumkani olawula ngolungelelwano, izinxiba-mxhaka zitsho ziphathe ngemfezeko. 2 Zonke ngazinye zoba ngumqolomba mhla ligquthayo, zibe yinqaba yokuzimela mhla ngoqhwithela. Zofana nemijelo yamanzi kwelibharhileyo, zibe lithunzi…

UISAYA 33

Ukucela uncedo 1 Kunyembelekile kuwe, mtshabalalisi; wena ungatshatyalaliswanga! Yeha ke, wena tshijolondini; ke wena siqu awuqhathwa mntu! Uya kuze upheze ukutshabalalisa, ibe nguwe otshatyalaliswayo. Boze bupheze ubuqhophololo bakho, nawe ke…

UISAYA 34

Ukohlwaywa kwezizwe 1 Sondelani, zizwe, niphulaphule; inzwi kaloku nakuni, zintlanga. Maliphulaphule ihlabathi nenzaliseko yalo; ihlabathi nemveliso yalo yonke malimamele. 2 Kalok’ *uNdikhoyo ulwa nazo zonke izizwe, uxabene nayo yonk’ imikhosi…

UISAYA 35

Ibuyambo 1 Intlango nomqwebedu ziya kuchulumacha; elibharhileyo loba nemihlali liqhakraze njengentyatyambo. 2 Intlango yomemelela idlokove luvuyo; yoba yinzwakazi enjengeentaba zaseLebhanon, yochuma njengamasimi aseKarmele naseSharon. Bonke bobubona ubungangamsha *bukaNdikhoyo, bucace ubuhandiba…

UISAYA 36

Ama-Asiriya ahlasela iJerusalem 1 Ngonyaka weshumi elinesine wokulawula kukakumkani uHezekiya kwelakwaJuda, ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe wazihlasela wazithimba zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda. 2 Ke kaloku wandulula ingqwayi-ngqwayi yakhe eLakishe, eyithumela eJerusalem nomkhosi…

UISAYA 37

Ukumkani ucetyiswa nguIsaya 1 Ke kaloku wathi akuziva ezi ndaba ukumkani uHezekiya, suka wakhathazeka, wazikrazula izambatho zakhe, wanxiba ezirhwexayo zokuzila, waya endlwini *kaNdikhoyo. 2 Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala…

UISAYA 38

Ukugula kukaHezekiya 1 Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba…

UISAYA 39

Izigidimi zaseBhabheli 1 Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba ukumkani uHezekiya ubekhe wagula wabuya wachacha. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho. 2 Zifikile ke,…

UISAYA 40

Iindaba zovuyo 1 “Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,” utsho kaloku uThixo wenu. 2 “Thethani kakuhle neJerusalem; dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile. Kaloku izono zayo zixolelwe; *uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”…

UISAYA 41

Iqhaji lasempumalanga 1 “Yithini cwaka niphulaphule, ziqith’ ezikude; lungelani ukuxoxa, nina zizwe. Sondelani nizithethelele; yizani ke sihlangane, sinik’ isigwebo. 2 “Ngubani lo uqhway’ iqhaji empumalanga, lo ulinik’ indwe konke nje…