UJEREMIYA 26

Izisongelo kuJeremiya ngenxa yentshumayelo yakhe 1 Ndafikelwa lilizwi livela *kuNdikhoyo, esaqala ukulawula uJoyakim,ukumkani wakwaJuda, unyana kaJosiya, lisithi: 2 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke…

UJEREMIYA 27

UJeremiya uthwala idyokhwe 1 Esaqala ukulawula uZedekiya,unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi: 2 “Utshilo uNdikhoyo kum ukuthi: Zenzele iidyokhwe ezinezitrophu, enye uyithwale entanyeni, 3 ezinye uzithumele…

UJEREMIYA 28

UJeremiya nomshumayeli uHananiya 1 Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiyaukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke: 2 “Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo…

UJEREMIYA 29

Incwadi eya kubathinjwa 1 Nantsi incwadi eyabhalwa ngumshumayeli uJeremiya eseJerusalem, ebhalela amasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nababingeleli, nabashumayeli, kunye nabantu bonke abathathwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem, baya kuba ngabathinjwa eBhabheli. 2 Wayibhala…

UJEREMIYA 30

Ukubuyiswa kwamaSirayeli 1 Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2 “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe. 3 Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli…

UJEREMIYA 31

AmaSirayeli aza kugoduka 1 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli, zona zibe ngabantu bam.” 2 Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi: “Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela…

UJEREMIYA 32

UJeremiya uthenga umhlaba 1 Kunyaka weshumi ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda,owawungunyaka weshumi elinesibhozo kulawula ukumkani uNebhukadenezare eBhabheli, lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo. 2 Ngelo xesha umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuyingqingile iJerusalem, yena uJeremiya…

UJEREMIYA 33

Ukukhululwa ekuthinjweni 1 UJeremiya esavalelwe eyadini yabalindi labuya lavakala okwesibini kuye ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2 “UNdikhoyo owenza ihlabathi walibumba walizinzisa, ogama linguNdikhoyo, utsho ukuthi: 3 ‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto…

UJEREMIYA 34

Udaba oluya kuZedekiya 1 Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalemkunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi:…

UJEREMIYA 35

UJeremiya namaRekabhi 1 Ngexesha ukumkani uJoyakimunyana kaYosiya wayengukumkani kwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, 2 lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.” 3 Ndaya kubiza…